3
EzeMpilo •EzoPhuhliso lwamaMaphandle • EzemiSebenzi • EzoKhuselo noKhuseleko EzeMfundo INEZITHUBA ZEMISEBENZI IVuk’uzenzele YEYASIMAHLA . . . kodwa yigqithise xa sewugqibile ukuyifunda Iphepha 4 Iphepha 16 Sisebenzisana masikhulise uqoqosho Stephen Timm N jengoko uqoqosho lwehlabathi nolweli lujongene nobunzima, uMphathiswa wezeMali uPravin Gordhan ubabongozile abemi boMzantsi Afrika ukuba mababophe ibhanti kwaye basebenzisane. Esenza iNtetho yakhe yoHlahlo Lwabiwo-mali kwezi ntsuku zimbalwa zidlulileyo, uMphathiswa uGordhan ubhengeze ama-nyathelo alungiselelwe ukubuyisela uqoqosho lweli kwimo yokuhluma. La manyathelo aquka uku- lwa inkcitho yemali ngurhulumente ngo- kumisa ukuqashwa kwizikhundla ezitsha kwinkonzo karhulumente. Oku, kunye namanye amanyathelo, kuza kunceda urhulumente onge imali ezibhiliyoni ezingama-25 zeerandi kwinkcitho yale minyaka mithathu izayo. Urhulumente ucebe nokuqokelela imali ezibhiliyoni zeerandi ezili-18 kwiintla- wulo zerhafu ngowama-2016/17. Uza kwenza oku ngokunyusa kancinci irhafu etsalwa kwingeniso kubantu abamnkela imivuzo ephezulu. Noko kunjalo, akuzi- kuphungulwa mali kwisabelo esibekelwe izibonelelo-mali zoluntu. Urhulumente uza kukhe aqwalasele nomba wokuvala okanye ukudibanisa amashishini karhulumente angaqhubi kakuhle, utshilo uMphathiswa uGor- dhan. La manyathelo acaciswe nguM- phathiswa uGordhan kuHlahlo Lwabiwo-mali afika kanye ngethuba kulindeleke ukuba uqoqosho lukhule ngezinga eliyi-0.9% kulo nyaka, zinga elo lingaphantsi kwelo belilindelekile le-1.3% ngowama-2015. UMphathiswa unomsebenzi onzima wokuzama ukuthintela ukwehliswa kwe- zinga ilizwe elibekwa kulo zi-arhente zoku-hlela zehlabathi, into leyo iza kwenza kubize imali eninzi xa erhulu- mente eboleka imali eza kuvala isikroba semali esilelayo okanye intsilelo. “Asinakusebenzisa imali esingenayo. Asinakuboleka imali esingazi kukwazi ukuyibuyisa. Lude lube kanti luqalisa ukuhluma uqoqosho lweli kwaye nesizwe siqalise ukwenza ingeniso, okwangoku kufuneka sibophe ibhanti,” ugxininise watsho uMphathiswa. Ukuze senze oku, intsilelo – imali engumahluko phakathi kwenkcitho karhulumente kunye nengeniso yakhe – iza kuthotywa ibe yi-3.2% yenkcitho yowama-2016/17, isuka kwi-3.9% kule ibiqikelelwe yonyaka wama-2016/17. UKULAWULA INKCITHO KARHULUMENTE UMphathiswa uGordham uthi ukuqeshwa kwizithuba zemisebenzi karhulumente (ngaphandle kwezithuba zootitshala, abongikazi, amapolisa kunye nezinye izikhu- ndla ezibalulekileyo) kuza kunqunyanyiswa ukusuka ngomhla woku-1 kwekaTshazi- mpunzi. Oku kuza kunceda ukuphungula imali yemivuzo yabasebenzi bakarhulumente ngeebhiliyoni eziyi-7.2 zeerandi. Amasebe kuza kufuneka anike izizathu ezivakalayo ngezithuba ezitsha zemisebenzi ngokuthi angenise izicwangicso zawo ezitsha zokuqe- sha abasebenzi. Ukongeza koku, imigaqo emitsha iza kunceda ukuphungula imali echithwa ngurhulumente kwiindleko zokuhamba, ezeendawo zokuhlala (kulindeleke oku ku- ncede urhulumente onge ibhiliyoni eyi-1.6 yeerandi kwisithuba seminyaka emithathu), ezeenkomfa nezokuthengwa kweemoto zinkokeli zezopolitiko ezisezikhundleni. Onke amaqumrhu abonelela ngeenkonzo kunye namasebe karhulumente kuza ku- funeka asebebenzise isango-salathisi so- kuthenga nge-intanethi (isango-salathisi seziniki-maxabisi ezikwi-intanethi) ukusuka ngomhla woku-1 kwekaTshazimpunzi. Oku kuza kwenza ukuba inkqubo yokuthengwa ibe nokunyaniseka futhi kuhle neendleko umbuso kunye nabab- oneleli-zinkonzo abangena kuzo. Xa ku- fika owama-2018/19 kulindeleke ukuba u- mbuso ube usonga imali ezibhiliyoni zeerandi ezingama-25 ngonyaka kwinkcitho yawo ezibhiliyoni ezingama-500 zeerandi, ngo- kuthi uphungule iindleko zokubhengeza nezemisebenzi yase-ofisini. Zonke iinkampani ezifuna ukusebenza norhulumente kufuneka zibhalise kuluhlu lwesizwe lwababoneleli-zinkonzo uku- suka ngomhla woku-1 kwekaTshazimpunzi ukuze akwazi ukusebenza norhulumente kazwelonke nowamaphondo kunye namaqumrhu awo, abo baza kusebenzisa noomasipala bona baza kubhalisa ngomhla woku-1 kweyeKhala. IRHAFU UMphathiswa uGordhan uthe urhulumente ufuna ukuqokelela irhafu eza kuba zibhili- yoni ezingama-48 zeerandi kule minyaka mithathu izayo – iibhiliyoni ezili-18 zeerandi ngowama-2016/17 kunye nenye ezibhiliyoni ezili-15 zeerandi kunyaka-mali ngamnye kule mibini ilandela lo. Imali ezibhiliyoni ezili-18 zeerandi eza kuqokelelwa ngenxa yokunyuswa kwerhafu UMphathiswa wezeMali uPravin Gordhan wenze uhlahlo lwabiwo-mali olungaqhwaleli ngandawo futhi oluneenjongo zokukhulisa uqoqosho lwelizwe. PROTECTING SOCIAL GRANTS AGAINST RISING INFLATION T he value of social grants will increase in 2016/17 to ensure that grants keep up with inflation. Increases to the Social Protection budget will also cater for a rise in the number of beneficiaries, mostly those receiving the old-age pension grant and the child-support grant. This rise in beneficiaries is largely as a result of government’s improv- ing provision of healthcare and basic services over the years –old people are living longer and child mortality rates are falling. In 2016/17, the old-age pension grant is set to increase by R90 and the child- support grant by R20 2015/16 2016/17 STATE OLD AGE GRANT R1 415 R 1 505 STATE OLD AGE GRANT, OVER 75s R1 435 R 1 525 WAR VETERANS GRANT R1 435 R 1 525 DISABILITY GRANT R1 415 R 1 505 FOSTER CARE GRANT R860 R890 CARE DEPENDENCY GRANT R1 415 R 1 505 CHILD SUPPORT GRANT R330 R350 IiProtea zikulungele ukukhuphisana nehlabathi Ibhasari itshintsha ubomi babantu EyoKwindla 2016 Ushicilelo 2 Iziswa yiNkonzo yezoNxibilelwano neNkqubo yoLwazi kaRhulumente (GCIS) isiXhosa/English > Liqhubeka kwiphepha lesi-2

EzeMpilo •EzoPhuhliso lwamaMaphandle • … · ezili-15 zeerandi kunyaka-mali ngamnye kule mibini ilandela lo. Imali ezibhiliyoni ezili-18 zeerandi eza kuqokelelwa ngenxa yokunyuswa

Embed Size (px)

Citation preview

Page 1: EzeMpilo •EzoPhuhliso lwamaMaphandle • … · ezili-15 zeerandi kunyaka-mali ngamnye kule mibini ilandela lo. Imali ezibhiliyoni ezili-18 zeerandi eza kuqokelelwa ngenxa yokunyuswa

Vuk’uzenzeleVuk’uzenzeleVuk’uzenzeleVuk’uzenzeleVuk’uzenzeleVuk’uzenzeleEzeMpilo •EzoPhuhliso lwamaMaphandle • EzemiSebenzi • EzoKhuselo noKhuseleko • EzeMfundo

INEZITHUBA

ZEMISEBENZI

Vuk’uzenzele is . . . but please pass it on when you are IVuk’uzenzele YEYASIMAHLA . . . kodwa yigqithise xa sewugqibile ukuyifunda

Iphepha 4 Iphepha 16

Sisebenzisana masikhulise uqoqoshoStephen Timm

N jengoko uqoqosho lwehlabathi nolweli lujongene nobunzima, u M p h a t h i s w a w e z e M a l i uPravin Gordhan ubabongozile

abemi boMzants i Afr ika ukuba mababophe ibhanti kwaye basebenzisane.

Esenza iNtetho yakhe yoHlahlo Lwabiwo-mali kwezi ntsuku zimbalwa zidlulileyo, uMphathiswa uGordhan ubhengeze ama-nyathelo alungiselelwe ukubuyisela uqoqosho lweli kwimo yokuhluma. La manyathelo aquka uku-lwa inkcitho yemali ngurhulumente ngo-kumisa ukuqashwa kwizikhundla ezitsha kwinkonzo karhulumente. Oku, kunye namanye amanyathelo, kuza kunceda urhulumente onge imali ezibhiliyoni ezingama-25 zeerandi kwinkcitho yale minyaka mithathu izayo.

Urhulumente ucebe nokuqokelela imali ezibhiliyoni zeerandi ezili-18 kwiintla-wulo zerhafu ngowama-2016/17. Uza kwenza oku ngokunyusa kancinci irhafu etsalwa kwingeniso kubantu abamnkela imivuzo ephezulu. Noko kunjalo, akuzi-kuphungulwa mali kwisabelo esibekelwe izibonelelo-mali zoluntu.

Urhulumente uza kukhe aqwalasele nomba wokuvala okanye ukudibanisa amashishini karhulumente angaqhubi kakuhle, utshilo uMphathiswa uGor-dhan.

La manyathelo acaciswe nguM-p h a t h i s w a u G o rd h a n k u H l a h l o Lwabiwo-mali afika kanye ngethuba kulindeleke ukuba uqoqosho lukhule ngezinga eliyi-0.9% kulo nyaka, zinga elo lingaphantsi kwelo belilindelekile le-1.3% ngowama-2015.

UMphathiswa unomsebenzi onzima wokuzama ukuthintela ukwehliswa kwe-zinga ilizwe elibekwa kulo zi-arhente zoku-hlela zehlabathi, into leyo iza kwenza kubize imali eninzi xa erhulu-mente eboleka imali eza kuvala isikroba semali esilelayo okanye intsilelo.

“Asinakusebenzisa imali esingenayo. Asinakuboleka imali esingazi kukwazi ukuyibuyisa. Lude lube kanti luqalisa ukuhluma uqoqosho lweli kwaye nesizwe siqalise ukwenza ingeniso, okwangoku kufuneka sibophe ibhanti,” ugxininise watsho uMphathiswa.

Ukuze senze oku, intsilelo – imali engumahluko phakathi kwenkcitho karhulumente kunye nengeniso yakhe – iza kuthotywa ibe yi-3.2% yenkcitho yowama-2016/17, isuka kwi-3.9% kule ibiqikelelwe yonyaka wama-2016/17.

UKULAWULA INKCITHO KARHULUMENTE UMphathiswa uGordham uthi ukuqeshwa kwizithuba zemisebenzi karhulumente (ngaphandle kwezithuba zootitshala, abongikazi, amapolisa kunye nezinye izikhu-ndla ezibalulekileyo) kuza kunqunyanyiswa ukusuka ngomhla woku-1 kwekaTshazi-mpunzi. Oku kuza kunceda ukuphungula imali yemivuzo yabasebenzi bakarhulumente ngeebhiliyoni eziyi-7.2 zeerandi. Amasebe kuza kufuneka anike izizathu ezivakalayo ngezithuba ezitsha zemisebenzi ngokuthi angenise izicwangicso zawo ezitsha zokuqe-sha abasebenzi.

Ukongeza koku, imigaqo emitsha iza kunceda ukuphungula imali echithwa ngurhulumente kwiindleko zokuhamba, ezeendawo zokuhlala (kulindeleke oku ku-ncede urhulumente onge ibhiliyoni eyi-1.6 yeerandi kwisithuba seminyaka emithathu), ezeenkomfa nezokuthengwa kweemoto zinkokeli zezopolitiko ezisezikhundleni.

Onke amaqumrhu abonelela ngeenkonzo kunye namasebe karhulumente kuza ku-funeka asebebenzise isango-salathisi so-kuthenga nge-intanethi (isango-salathisi seziniki-maxabisi ezikwi-intanethi) ukusuka ngomhla woku-1 kwekaTshazimpunzi.

Oku kuza kwenza ukuba inkqubo yokuthengwa ibe nokunyaniseka futhi kuhle neendleko umbuso kunye nabab-oneleli-zinkonzo abangena kuzo. Xa ku-fi ka owama-2018/19 kulindeleke ukuba u-mbuso ube usonga imali ezibhiliyoni zeerandi ezingama-25 ngonyaka kwinkcitho yawo ezibhiliyoni ezingama-500 zeerandi, ngo-kuthi uphungule iindleko zokubhengeza nezemisebenzi yase-ofi sini.

Zonke iinkampani ezifuna ukusebenza norhulumente kufuneka zibhalise kuluhlu lwesizwe lwababoneleli-zinkonzo uku-suka ngomhla woku-1 kwekaTshazimpunzi ukuze akwazi ukusebenza norhulumente kazwelonke nowamaphondo kunye namaqumrhu awo, abo baza kusebenzisa noomasipala bona baza kubhalisa ngomhla woku-1 kweyeKhala.

IRHAFU UMphathiswa uGordhan uthe urhulumente ufuna ukuqokelela irhafu eza kuba zibhili-yoni ezingama-48 zeerandi kule minyaka mithathu izayo – iibhiliyoni ezili-18 zeerandi ngowama-2016/17 kunye nenye ezibhiliyoni ezili-15 zeerandi kunyaka-mali ngamnye kule mibini ilandela lo.

Imali ezibhiliyoni ezili-18 zeerandi eza kuqokelelwa ngenxa yokunyuswa kwerhafu

UMphathiswa wezeMali uPravin Gordhan wenze uhlahlo lwabiwo-mali olungaqhwaleli ngandawo futhi oluneenjongo zokukhulisa uqoqosho lwelizwe.

PROTECTING SOCIAL GRANTS AGAINST RISING INFLATION

The value of social grants will increase in 2016/17 to ensure that grants keep up with infl ation.

Increases to the Social Protection budget will also cater for a rise in the number of benefi ciaries, mostly those receiving the old-age pension grant and the child-support grant.

This rise in benefi ciaries is largely as a result of government’s improv-ing provision of healthcare and basic services over the years –old people are living longer and child mortality rates are falling.

In 2016/17, the old-age pension grant is set to increase by R90 and the child-support grant by R20

2015/16 2016/17STATE OLD AGE GRANT

R1 415 R 1 505

STATE OLD AGE GRANT, OVER 75sR1 435 R 1 525

WAR VETERANS GRANTR1 435 R 1 525

DISABILITY GRANTR1 415 R 1 505

FOSTER CARE GRANTR860 R890

CARE DEPENDENCY GRANTR1 415 R 1 505

CHILD SUPPORT GRANTR330 R350

IiProtea zikulungele

ukukhuphisana nehlabathi

Ibhasari itshintsha

ubomi babantu

EyoKwindla 2016 Ushicilelo 2 Iziswa yiNkonzo yezoNxibilelwano neNkqubo yoLwazi kaRhulumente (GCIS) isiXhosa/English

> Liqhubeka kwiphepha lesi-2

Page 2: EzeMpilo •EzoPhuhliso lwamaMaphandle • … · ezili-15 zeerandi kunyaka-mali ngamnye kule mibini ilandela lo. Imali ezibhiliyoni ezili-18 zeerandi eza kuqokelelwa ngenxa yokunyuswa

Vuk’uzenzele 4 EyoKwindla 2016 Ushicilelo 2

URHULUMENTE WASEKHAYA

Izigidi zemali zigalelwe kwezamanzi neenkonzo zogutyulo

Albert Pule

Iingxaki zokugqabhuka kwamanzi agcwalise izitrato, iinkonzo zogutyulo ezingekho mgangathweni kunye nezigingqi ezindleleni eMissionvale,

eBhayi, ziza kuphela. Amakhaya angama- 2 500 kule ngingqi aza kufakelwa iziseko zokugutyulo kunye namanzi ekupheleni kwenyanga kaTshazimpunzi.

UMasipala iNelson Mandela Bay uza kuchitha imali ezizigidi ezingama-50 eerandi kwiphulo lokuphucula iziseko ezingundoqo zokuqokelela amanzi ezikhukula, iinkonzo zogutyulo kunye neenkonzo ezisisiseko.

IMissionvale ikwindawo ethe tyaba kwaye ingqongwe ‘ngamasimi etyuwa’ futhi amanzi ayo aphantsi komhlaba awekho sezantsi kakhulu. Indawo elisimi letyuwa yindawo esisigingqana apho amanzi anetyuwa athi aphephetheke abe ngumphunga kuze kushi-yeke ityuwa. Amanzi aphantsi komhlaba a-ngekho zantsi kakhulu ngamanzi akufutshane kakhulu kuqweqwe lomhlaba kangangokuba

uqweqwe kunye negrabile ziba manzi tixi. Ngexesha leemvula ezinkulu uluntu lwa-

seMissionvale luba neengxaki yokuhlaselwa zizikhukula nokuba iimoto kunye nezithuthi zikawonke-wonke zingakwazi ukungena kule ndawo.

“Le ndawo yayisakuba yindawo engamatyo-tyombe kwaye abahlali babezenzela amacebo ngokwabo xa befuna iinkonzo. Umbane sele bewufakelwe, kunye namanzi eza ngemi-bhobho engumgama omalunga neemitha ezingama-200 ukusuka kwindlu nganye,” ucacise watsho uSihlalo weCandelo leziSeko ezinguNdoqo kunye nezobuNjineli kulo ma-sipala, uCeba u-Andile Mfunda.

“Umsebenzi weenkonzo zogutyulo neza-manzi uyaqukunjelwa sithetha nje,” wongeza watsho okaMfunda.

Uthi amashishini amancinci nawo axhamle kulo msebenzi wophuhliso wenziwa nguma-sipala.

“Umasipala khange ajonge nje kuphela ekuhambiseni ezi nkonzo ebantwini base-Missionvale, ukunika inkxaso kwiinkampani

ezisakhasayo nako bekungumba ophambili.”Ngethuba kusenziwa lo msebenzi wo-

phuhliso amashishini amaNcinci, aPhakathi namaNcinane (ii-SMME) axhamla, baze bona abantu abangama-98 baseMissionvale baqeshwa besenza imisebenzi eyahlukeneyo.

Lo msebenzi wokuphucula wahlulwe wazizigaba ezihlanu xa zizonke eziza ku-khokelela ekwakhiweni kweziseko ezingu- ndoqo zogutyulo, iinkonzo zamanzi, imib-hobho yokuqokelela amanzi ezikhukula, iziko elinobuxhaka-xhaka bokuhambisa amanzi kunye nendlela.

UThozama Qayiso (oneminyaka enga-ma-50), ongumhlali waseMissionvale, uthi uluntu lwale ngingqi luza kufumana iinkonzo ezisemgangathweni ophucukileyo nje-ngabanye abantu bezinye iindawo.

“Ngoku nathi singatsho ngokuzidla ukuba siyinxalenye kaMasipala iNelson Mandela Bay, kuba nathi siza kuxhamla iinkonzo ezixha-nyulwayo kwezinye iindawo.”

Wongeze ngelithi ukubona iinkokeli ezisuka kwii-ofisi zikamasipala kubanike ithemba.

“Ukuba iinkokeli zide zize apha, zenze izithembiso futhi zizibophelela, nathi sibe siwubona ngamehlo umsebenzi owenziwayo, kuyakhuthaza.

“Ngeliphandle, thina njengabahlali oku kusixelela ukuba iinkokeli zepolitiki esazivo-telayo, azigaleli nje imali kumaphulo afana nala zakugqiba ziphele emehlweni, ziyala-ndelela ukuze ziqinisekise ukuba kwenziwa umsebenzi osemgangathweni kwaye loo mse-benzi ugqitywa ngexesha ebelibekiwe.”

UMfunda wongeze ngelithi umasipala uza kuqhubeleka esebenzisana noluntu ukuze ku-phuculwe indlela ekuhanjiswa ngayo iinkonzo.

“Kuyandichulumancisa nokuba abahlali baseMissionvale basebenzisana nomasipala ukwenza ukuba isantya sokuhanjiswa kwee-nkonzo sikhawuleze. Ladlula ixesha lokuba ngoku iziphathamandla zizenzele unothanda.

“Ukuphendula ngomsebenzi wethu ngumba ophambili kuthi ukuze sikwazi ukwenza umsebenzi esasiwuthunyiwe ngabantu aba-sivotelayo. Ndibasikele ixesha ekufuneka la msebenzi ugqitywe ngalo kuba yimiba leya ebekufanele ukuba kudala yasonjululwa. Sithi mayiphele ngoku le ntlalo ibuhlungu iphilwa ngabantu bakuthi.

Njengenxalenye yophuhliso loqoqosho kulo mmandla neendawo eziyingqongileyo kuye kwavulwa ngokusesikweni iziko elinodederhu lweevenkile, into leyo edalele abantu balapha amathuba emisebenzi amaninzi.

“Xa sihambisa iinkonzo kufanele ukuba zibe luphuhliso oluhlanganisiweyo sikwazi uku-qinisekisa ukuba iinkonzo zokuhlaliswa kwa-bantu azisileli nganto njengoko kucacasiwe kuMgaqo-nkqubo wezokuHlaliswa koLuntu. Ladlula ixesha lokuba sithi xa sisakhela abantu izindlu sizakhe kwiindawo ezikude namaziko ezoqoqosho, izikolo kunye nezinye izinto ezi-luncedo,” utshilo.

Umasipala umaxhaphetshu uzama ukufaka umbane kwimimandla engamatyotyombe, kwiindawo ezibonelelwa ngeenkonzo ne-zinye iziseko ezingundoqo, ngeli thuba abantu basalinde izindlu.

Nonkululeko Mathebula

Ukusuka ekufundeleni etyotyo-mbeni elinemigqobho futhi lingenawo nombane, kwi- zitalato eziqhuma uthuli zase-

Brandvlei, cebu kuhle neRandfontein (eNtshona yeRhawuti), uye ekuphume-leleni emagqabini kwizifundo ezibini kwiBanga le-12, uSithelosethu Sigwela ngoku ikamva lakhe likhangeleka li-qaqambile.

Le dyongwana ineminyaka engama- 20 ubudala ibifunda kwisikolo i-Ithuteng Secondary yaze yaphumelela emagqabini kwizifundo zayo nangona nje ibifundela phantsi kweemeko ezinzi-ma, into leyo ibonisa ukuba akukho nto inokuba ngumqobo endleleni yomntu eya empumelelweni. Ungomnye wabantwa-na abangama-40 abafumene ibhasari kasodolophu kaMasipala weNgingqi yaseRandfontein, into leyo iye yamnika ithuba lokuya kufunda kwiDyunivesiti yaseRhawutini.

Esi sikimu sebhasari sifumane uchatha wemali engaphezulu kwezigidi ezili-12 zeerandi kule minyaka ili-10 idlulileyo ukususela oko sasekwayo.

Ukuza kuthi ga ngoku, abafundi abali-176 baxhamlile kwesi sikimu, futhi abangama-56 kubo sele beziphume-lele izidanga zabo. Kwaba bangama-56, abangama-47 sele besebenza.

Ukuze kulungele ukufumana le bhasari umfundi kufuneka aziphume-lele ngama-53% izifundo zakhe xa zidityanisiwe zonke kwaye abo bayi-fumeneyo kufuneka bafunde izifundo

zezeziMali, ezobuNjineli, ezobuNgcali kwezoQoqosho kunye nezoMthetho.

UkUfezekiswA kwAMA-PhUPhAUSigwela ungomdala kubantwana abathandathu kwaye ungowokuqala kowabo hayi nje ngokuphumelela izifundo zakhe emagqabini, koko ukuya kufunda edyunivesiti, iphupha naye awayengaqondi ukuba lakuze liza-lisekiswe.

“Bendicinga ukuba ndiza ku- hlala nje ekhaya mhlawumbi ndifumane nokuba ngumsebenzi ofana nokunce-disa ndibhatalisa ezivenkileni,” utshilo uSigwela.

“Kulithuba umama wam esokola kwaye bekunzima nokuba andifundise.”

Uthi wayefuna ukugqwesa kuyo yonke into kodwa kumaxa amaninzi eli phupha lalingazaliseki ngenxa yokungabi na-zintsiba.

“Kukho amaxesha apho ndandikhe ndizive ukuba ndifuna ukuxhoma ndinikezele, kodwa ndandiyazi ukuba ayinakuba ndim lowo ucinga ngolo hlobo. Le ngcinga yayindiceda nditsho ndinganikezeli.

“Ndibulela ngokungazenzisiyo ngoku-fumana le bhasari,” utsho uSigwela.

Uthi oku ngekukhange kwenzeke ukuba ebangafundanga nzima nangoku-zimisela.

Uye wahlaba nekhwelo kubafundi ukuba bayixabise imfundo, bafunde kumzekelo wakhe futhi bayazi inzuzo yemfundo kubantu abatsha nabo ba-zingisileyo kwizifundo zabo.

Ibhasari itshintsha ubomi babantu

Ethetha kumsitho wokunikezelwa kweebhasari, uSodolophu kaMasipala weNgingqi waseRandfontein, uMzi Khu-malo, ucaphule kuMqulu weNkululeko egxininisa isolotya elithi imfundo nen-kcubeko ziyakuvuleleka kuye wonke umntu.

“Siyazi ukuba oku sininika kona ak-wanelanga. Noko kunjalo, kukhona oku-nye okuzayo, kuba sizimisele ukugalela enye imali kwesi sikimu sebhasari.

“Ke ngoko ndicela onke amashishini aseRandfontein kunye noluntu ngokubanzi kuba nabo baphose igade bancedise kwiNgxowa-mali kaSodolophu yeBhasari.

“Iyakwamnkelwa imali engamalizo aqala kwi-R10 ngenyanga ikhaya ngalinye. Si-yathemba ukuba oku kuza kuqinisekisa

ukuba abafundi abaninzi, abafanelekileyo ukufumana olu ncedo, baza kutsho bak-wazi ukuya esikolweni kulo nyaka uzayo.

“Ikamva lolutsha lweli lizwe aluxhome-kekanga kulo kuphela, nathi kunegalelo ekufuneka silenze,” utshilo uKhumalo othe naye wazibophelelela ukuliza kwis-ikimu sebhasari ngemali esuka kumvuzo wakhe eli-1 000 leerandi ngenyanga.

Esi sikimu silawulwa yibhodi enam-alungu ali-10 anikwe umsebenzi wokuba aqinisekise ukuba ziyaziwa izinto esety-enziswe kuzo imali.

UKhumalo uthi uyathemba ukuba kwiminyaka ezayo akuzibakho mntwana waseRandfontein ufanele kufumana ib-hasari uza kungazi ukuba uza kubheka ngaphi okanye angafundi.

Usihlalo weCandelo leziseko ezinguNdoqo nezobuNjineli kulo masipala, uCeba u-Andile Mfunda, echazela uluntu lwaseMissionvale, eBhayi, ngezamva nje malunga nomsebenzi oqhubekayo kule ndawo.

UMasipala waseRandfontein uncede usithelosethu sigwela (ophakathi) ukuba afezekise iphupha lakhe lokuqhubeleka ngemfundo yakhe.

Page 3: EzeMpilo •EzoPhuhliso lwamaMaphandle • … · ezili-15 zeerandi kunyaka-mali ngamnye kule mibini ilandela lo. Imali ezibhiliyoni ezili-18 zeerandi eza kuqokelelwa ngenxa yokunyuswa

Vuk’uzenzele 2 EyoKwindla 2016 Ushicilelo 2

eminye imiba gabalala

ngowama-2016/17 iza kunceda kwisikroba esivele ngokuba urhulumente engaqokelela-nga rhafu ifikelele kule ebeyicebile izibhili-yoni ezili-11.6 zeerandi. Le rhafu kulindeleke ukuba iqokelelwe iza kunyuswa ngokuse-benzisa amacebo okuhlenga-hlengisa irhafu kunye nokunyusa irhafu yezendalo kunye nerhafu yamafutha ezithuthi.

Uhlenga-hlengiso kwirhafu lwenzeka xa u- tshintsho lwamaxabiso lunyusa abanye aba-hlawuli berhafu baye kwinqanaba labarhafi elingasentla, into leyo eye ibangele ukuba bahlawule irhafu ethe chatha. Ukunqanda oku uNondyebo weSizwe uqhele ukuhlenga-hlengise amanqanaba okuhlawula irhafu minyaka le.

Irhafu ebhatalwa ecubeni nakwiziselo nayo iza kunyuswa ngomyinge ophakathi kwe-6% ne-8.5%, ngelithuba irhafu yamafu-tha ezithuthi iza kunyuka nge-30c, yona irhafu yokukhutshelwa kwezindlu ezixabisa ngaphezulu kwezigidi ezili-10 zeerandi iza kunyuka ngomyinge ophakathi kwe-11% ne-13%.

Ukongeza koku, irhafu yamavili emoto, elungiselelwa ukuhlawulela iinkqubo zokuhlaziya, iza kunyuswa kunye nerhafu yeebhalbhu zokukhanyisa ezitya umbane kakhulu (isuka kwi-R4 iye kwi-R6), eye-eplastikhi (isuka kwi-6c yaya kwi-8c) kunye neyomsi okhutshwa zizithuthi.

UMphathiswa uGordhan uye waphakamisa nokuba kubekho irhafu yeziselo ezihlwa-hlwazayo, ezifana ne-Coca-Cola ne-Pepsi, eza kuqala ngekaTshazimpunzi.

UkUnyUswa kwemali yezibo-nelelo zentlalo Nangona izinto zingentlanga ncam, inkcitho kwizibonelelo-mali zoluntu iza kunyuka ngeebhiliyoni zeerandi eziyi-11,5 kule minyaka mithathu izayo, ize ifikelele kwiibhililoyini ezili-165 zeerandi ngowama-2018/19. Isibonelelo-mali sobudala nokukhubazeka siza kunyuka sisuka kwi-1 415 leerandi siye kwi-1 505 leerandi ngelithuba isibonelelo-mali samagqala emfazwe nabantu abanemi- nyaka engaphezulu kwama-75 ubudala iza kunyuka isuka kwi-1 453 leerandi iye kwi- 1 525 leerandi. Isibonelelo-mali sokukhulisa abantwana abangengobakho siza kunyuka siye kuma-890 eerandi size sona isibonelelo-mali sabantwana sinyuke sisuka kuma-330 eerandi siye kuma-350 eerandi.

Ukongeza koku, imali ezibhiliyoni zeera-ndi eziyi-4.5 yabelwe i-Inshorensi yeSizwe

yezeMpilo (i-NHI) kule minyaka mithathu izayo. Urhulumente kungoku nje uyaqhuba namalinge okuqalisa ukusebenzise i-NHI kwiindawo ezingama-390.

Enye imali ezizigidi ezingama-984 eerandi iye yongezwa ukuze yandise iphulo loku-nyanga nokuthintela uGawulayo neNtsho-longwane yakhe (i-HIV/AIDS), yaze yona ezizigidi ezingama-740 zeerandi yabekelwa bucala ukuncedisa kunyango lwesifo sephepha (i-TB). Oku kwenzeka ngeli thuba enye imali ezizigidi ezingama-474 eerandi iya yabelwa iSebe lokuPhuhliswa kwamaShishini amaNcinci kule minyaka mithathu izayo.

Emva kokuba urhulumente aye wavuma ukufezekisa izikhalazo zabafundi zokuba inganyuswa imali yokufunda kulo nyaka, imali ezibhiliyoni eziyi-16.3 zeerandi iye yabelwa iSebe leMfundo ePhakamileyo noQeqesho.

Enye imali ezizigidi ezingama-813 zeerandi iza kwabelwa amaziko emfundo yabantwana nezikolo-mpeleso (ii-ECD) ukuze kunyuswe inani labantwana aba-ngena kwii-ECD ngama-104 000 kule mi-nyaka mithathu izayo.

UkUlwa imbalela UMphathiswa uGordham uthe kule mi-nyaka mithathu izayo kuye kwathathwa imali kwenye indawo eyibhiliyoni eyi-1.1 yeerandi yasiwa kumaphulo okulwa imbalela, ngamalinge okungenelela afana nokomba imingxuma yezitsala-manzi, uku-bonelela ngokutya kwemfuyo, ukuhambisa imihlambi yeenkomo nokuthutha amanzi aselwayo esisiwa kwiindawo ezithwaxwe ngamandla yimbalela.

Umbuso uza kutyala imali ezibhiliyoni ezingama-865 eerandi kumaphulo eziseko ezingundoqo kule minyaka mithathu izayo.

UkUtyala imali kwizixeko zethU UMphathiswa uye wanyathela nakwii-projekthi ezininzi eziqhubayo kwizi- xeko mbombo zone zeli lizwe iinjongo zazo ekukutshintsha ezothutho kwezi ndawo. Iibhasi eziquqa zibuyelela sele ziqalile uku-sebenzisa kwaye iindlela zazo ziyandiswa eRhawutini, eTshwane, eKapa naseGeorge, futhi ziza kuqaliswa e-Ekurhuleni nase-ethekwini kulo nyaka.

“Imali emalunga neebhiliyoni ezintan-dathu zeerandi iza kwabelwa le nkqubo yezi bhasi ngowama-2016/17. Amaphulo okuphucula oololiwe kunye neziseko ezi-ngundoqo zeli candelo aza kuqalisa ukuze akwazi ukuphucula indlela abakhweli

abahamba ngayo,” utshilo uMphathiswa.Amaphulo angaphezulu kwama-90 oku-

phuhlisa umhlaba ngendlela ehlanganisi-weyo axabisa imali engaphezulu kweebhili-yoni ezili-130 zeerandi ayaqhuba:• E-eThekwini, ummandla waseCornubia

unezindlu ezingama-25 000. Inkqubo yokuhlaziya umbindi wesixeko nayo iyaqhuba, equka iiprojekthi eziseBridge City, eCentrum, e-the Point kunye neendlela ehlanganisa ezindawo.

• Kummandla waseTembisa, e-Ekurhu-leni, kuza kumiswa ngemali ezibhili-yoni eziyi-6.5 zeerandi etyalwe kuma-phulo karhulumente ukuboleka imali ezi-bhiliyoni zeerandi ezisibhozo kuma- shishini abucala ukuze kwakhiwe izi-ndlu, izakhiwo zokurhweba nezinee-ofisi.

• EKapa, izindlu ezise-N2 Gateway kunye nokwakhiwa ngokutsha kummandla ongakwi-Voortrekker Road, eConradie Hospital, ngakwiZiko loMbane lase-Athlone nakweminye imimandla.

• ETshwane, imali iza kugalelwa kum-mandla ongakwiSitishi sikaLoliwe saseMabopane, oyindawo abagqitha kuyo abakhweli abangama-150 000 ngosuku kwaye inemarike yabathe- ngisi basezitalatweni abamalunga nama- 2 500.

• EMangaung, ulwakhiwo oluxabisa iib-hiliyoni zeerandi eziyi-2.6 loMmandla woPhuhliso ongakwiSikhululo see- Nqwelomoya luyaqhuba. Kucetywe no- lwakhiwo lwezindlu zokuhla la kumbindi wesixeko futhi amaphulo olwakhiwo axabise ibhiliyoni yeerandi eyi-1.9 eVista Park naseBrandkop aza kuvelisa izindlu ezingama-8 500.

• ERhawutini, “iziSeko ezinguNdoqo zeNkululeko”, eziseSoweto, Alexandra, Sandton nakumbindi-sixeko weRhawuti zidibanisa amaphulo okuphucula iindlela zezithuthi zikawonke-wonke, amaziko oluntu kunye nobambiswano nenkampani ezishishina ngezindlu ukuze kwandiswe inani lezindlu futhi kwenze kube lula ukuhamba-hamba kwabantu.

UkUkhUthaza abemi bomzantsi afrika UkUba bonge imali Ukukhuthaza abemi boMzantsi Afrika ukuba bonge imali, kulo nyaka uphelileyo uNo- ndyebo weSizwe waqalisa i-akhawunti yokonga imali engatsalelwa rhafu. Le akhawunti ivumela abantu ukuba babe ne-mali ekuyo engatsalelwa rhafu enokufikela

kuma-30 000 eerandi ngonyaka.UMphathiswa uGordhan uthi ukuza kuthi

ga ngoku ngabantu abamalunga nama-150 00 asele bevule ii-akhawunti, imali eyongiweyo iyonke iyibhiliyoni yeerandi.

Ngenyanga yoMdumba, iKhabhinethi yaye yazisa ukuba iza kumisa ukuqa-liswa komthetho wokubhatalwa kwemali yamalungu engxowa-mali yeprovidenti ngezavenge inyanga nenyanga, isithuba seminyaka emibini ukuze kufakwane imi-lomo kuboniswana nabo bonke abachapha-zelekayo.

Noko kunjalo, uMphathiswa uGordhan uthe izibonelelo zerhafu zona zisamiselwe ukuqalisa ukusuka ngomhla woku-1 kwe- yoKwindla kuyo yonke imali ebhatalwa kwingxowa-mal i yomhlala-phants i , kuqukwa neengxowa-mali zeprovidenti. Ezi ziquka irhafu ephezulu etsalwayo eyi-27.5% kwimali ezide zifikele kuma-350 000 eerandi ngonyaka ebhatalwa kwingxowa-mali yomhlala-phantsi wobudala, yeprovi-denti kunye neyomhlala-phantsi ehlawulwa inyanga nenyanga.

Sugar Tax

SUGAR-SWEETENED BEVERAGES’ TAX

Obesity is a worldwide concern. South Africa has the worst obesity ranking in sub-Saharan Africa. This has led to greater

risk of heart disease, diabetes and cancer. Government proposes to introduce a tax on sugar-sweetened beverages on 1 April 2017 to help reduce excessive sugar intake.

FuEL LEVY

INCREASE iN GENERAL FUEL LEvy

The general fuel levy will increase by 30c per litre on 6 April 2016. This will push up the general fuel levy to R2.85 per litre of petrol

and to R2.70 per litre of diesel.

PErSonaL IncomE Tax

HOW DO THE PERSONAL INCOME TAX CHANGES AFFECT yOU?

Tax THrESHoLDS Tax YEar: 2015/16 Tax YEar: 2016/17

Below age 65 R73 650 R75 000

age 65 to 74 R114 800 R116 150

age 75 and over R128 500 R129 850

mEDIcaL ScHEmE Tax crEDITS Tax YEar: 2015/16 Tax YEar: 2016/17

Each of the first two beneficiaries R270 R286

Each additional beneficiary R181 R192

The 2016 Budget sees a reduction of R5.65 billion in personal income tax payable by individuals.

This is made up of R5.5 billion to partially reduce the effect of inflation on tax payable by lower and medium income earners and R1.1 billion due to an increase in monthly medical scheme tax credits, less R950 million due to the increase in capital gains tax.

This Budget provides for some changes to personal income tax, including adjust-ments to the three lower taxable income tax brackets and the primary rebate, to provide some relief for lower income individuals from the effect of inflation. The amount an individual can earn before being required to pay tax has been adjusted as follows for the tax year that runs from 1 March 2016 to 28 February 2017:

Tax raTES

Tax payable by individuals for the tax year ending 28 February 2017.

TaxaBLE IncomEoF InDIVIDuaLS (r) Tax PaYaBLE (r)

0 to 188 000 18% of taxable income

188 001 to 293 600 33 840 + 26% of taxable income above 188 000

293 601 to 406 400 61 296 + 31% of taxable income above 293 600

406 401 to 550 100 96 264 + 36% of taxable income above 406 400

550 101 to 701 300 147 996 + 39% of taxable income above 550 100

701 301 and above 206 964 + 41% of taxable income above 701 300

Trusts other than special trusts

Rate of tax 41%

TurnoVEr Tax For mIcro BuSInESS

Financial years ending on any date between 1 March 2016 and 28 February 2017

0 – 335 000 0% of taxable turnover

335 001 – 500 000 1% of taxable turnover above 335 000

500 001 – 750 000 1 650 + 2% of taxable turnover above 500 000

750 001 and above 6 650 + 3% of taxable turnover above 750 000

THE TAX RATES

> Liqhubeka lisuka kwiphe-pha loku-1